Uya kuvavanywa kuphela ukuba uyahlangabezana nekhrayitheriya ye-PUI, okubandakanya ukuba neempawu zesifo sokuphefumla esiqalisa kutsha nje okanye ngesiquphe.
Kukho inani lezizathu zokuba kutheni singancomi ukuvavanywa komntu ongenazo iimpawu, nokuba udibene ngokusondela kumntu okuqinisekisiweyo ukuba ne-COVID-19 okanye kutsha nje uye kwilizwe apho i-COVID-19 ijikeleza uluntu:
- Iziphumo zovavanyo ezithi umtu akanayo i-COVID19 kumntu ongenazo iimpawu azithethi ukuba awunayo i-COVID-19. Usenokuba kumqanaba yokuqala we-COVID-19 kwaye ukhule iimpawu kamva. Ke ngoko, ukuvavanya xa ungenazimpawu inokunika isiphumo esingeyonyani.
- Nokuba iziphumo zakho zovavanyo lwelabhoratri zithe ukuba awunayo i-COVID-19, kusafuneka ukuba uhlale ekhaya uvalelwe wedwa kangangeentsuku ezili-14 ukuba ukhe waya kwingingqi elinosulelo oluphezulu okanye wadibana ngokusondela nomntu oqinisekisiweyo ukuba ne-COVID-19 . Jonga isikhokelo se ndingenza ntoni ukuba ndidibane ngokusondela kumntu esiqinisekisiweyo ukuba nesifo kwaye ndicelwe ukuba ndiye kuvalelo ekhaya.
- Ukuba uvavanywe ukuba awunayo i-COVID-19 kwaye ngempazamo ukutolika oku kuthetha ukuba awuzange usulelwe, unokubuyela kwimisebenzi yakho yesiqhel okwaye usasaze intsholongwane ngelixa usenosulelo olutsha.
- Kukho ukunqongophala kovavanyo lwelebhu kwihlabathi jikelele, kwaye kufuneka sigcine izixhobo zethu ezixabisekileyo zovavanyo zaselabhoratri sizo nika abo bagulayo namaqela abantu apho singasebenzisa ezi ziphumo zovavanyo kwimpilo yoluntu.
Elona sampuli liqokelelweyo sisuba eliqokelelwa n
geempumlo yakho. Ukuba unokukhohlela okumanzi, unokucelwa ukuba uvelise isampula yamathe esityeni sokuvavanywa. Lesampula izo kuthumelwa kwilabhoratri yezifo. Lelaboratori izovavanya lesampula ikhangele Izinto zofuzo ezivela kwi-coronavirus entsha.
Le ntsholongwane ibizwa ngokuba yi-SARS-CoV-2.
ziphumo zaku zingaphuma zithi unayo okanye awunayo intsholongwana . Iziphumo zovavanyo ezithi unayo, zithetha ukuba izinto zofuzo ezivela kwi-coronavirus (SARS-CoV-2) zifunyenwe kwisampuli yakho kwaye uqinisekisile ukuba unaso isifo se-coronavirus. Jonga isikhokelo se ndingenza ntoni ukuba ndivavanywa ukuba ndinaso isifo se-coronavirus kwaye ndicelwe ukuba ndiye kuvalelo ekhaya.
If your test is Iziphumo ezithi awunayo intsholongwane azichazi ukuba usuleleko lwe-COVID-19 awunakho. Kuya kufuneka ke ngoko uligqibe ixesha lakho lokuhlala wedwa njengoko ubuvelele kusulelo, kwaye kuya kufuneka uvavanywe futhi kuphela ukuba oku kucetyiswa ngumboneleli wakho wezempilo.